Onogada Badinga Ukudibana Ukusuka Ezantsi Ukunyuka

Onogada Badinga Ukudibana Ukusuka Ezantsi Ukunyuka

Ibhalwe ngu Lindela ‘Mashumi’ Figlan

Mhlawumbi kufanelekile ukuba kukhunjuzwe abantu ukuba apho kukho inkqubo yelizwe elawulwa yimali,amakapitali basoloko bexhaphaza abasebenzi ngaphezu kwento yonke onokuyicinga kule mihla apho izinga labangaphangeliyo liphezulu. Abantu bafolele ukuxhatshazwa. Kodwa kufuneka siqonde ukuba yinkqubo engaqhelekanga le. Asikho isizathu sokuba wonke umntu angabinasidima sakhe.

Ndisebenze njengonogada iminyaka eminizi. Ndandisoloko ndicinga ukuba lomsebenzi ulungileyo ngoba sisoloko sibabona onogada bencumile. Kukho imfuneko yokuba amagosa karhulumente abe nento ayenzayo ngomsebenzi wonogada. omnye wenkokheli zethu wathi urhulumente bekumele ayilungise lengxaki onogada bajongene nayo. uRhulumente bekumele aqinisekise ukuba lomsebenzi ube phansti kwemithetho karhulumente kwaye baqinisekise ukuba lomithetho ikwimfuno zabasebenzi. Kakade xa kubekwa etafileni imithetho nemimiqathango yalomsebenzi onke amakapitali asoloko ekhalaza ngoba bayoyika ukulahlekelwa yimali, ekugqibeleni kungabikho ogqiba ekuxhaseni urhulumente. Yindlela ekusetyenzwa ngayo le. Abantu banyula urhulumente ukuze urhulumente athobele abantu, kodwa urhulumente umamela amakapitali. Yiyolonto abantu kwamanye amazwe behlangana ukuze bakwazi ukuzama ukunyanzela urhulumente abamamele.

Akumandanga ukuba ngunogada. Sisebenza ngemivuzo ephantsi. Ubusuku nemini sisoloko silapha silindele umntu esingamaziyo nokuba uza nini okanye uzakuza nohlobo olunjani lompu. Singabantu abahluphekileyo, kwaye sibeke ubomi bethu emngciphekweni imihla ngemihla ngokugada izakhiwo nobomi bezityebi. Isininzi sendawo esisebenza kuzo azinandawo yokufihla intloko (amagumbi onogada), kulendawo ndibhala kuyo ndihleli elangeni. Akukh’onto ngoku, kodwa xa kukho umoya nemvula ndizabe ndisahleli kule ndawo inye. Xa ndigula abancedisi nangesenti. Ndim onoxanduva, kwezinye indawo kukho nencwadi yeziganeko xana ufunda into ebhalwe kuloncwadi kubonakala ngathi kungafika umntu akubulale kungekho nomntu oyakwazi nanye into ngawe.

Naxa sicela abaphetheyo kurhulumente wethu ukuba bangenelele bathi masiphindele esikolweni. Kodwa ngaba ukusebenza njengonogada lolunye uhlobo lesohlwayo ngenxa yokuba ungafundanga okanye kumele ukuba ngumsebenzi? Kodwa ke ngubani othe oonogada abafundanga. Ngubani othe abo bangagqibanga esikolweni okanye abo bangakwazanga ukufunda emva kwesikolo lityala labo. Kukho into ebizwa ngokuba yimbali yengcinezelo eye yenza abanye abantu bahlupheka kakhulu. Abahlali baseMjondolo bacinga okokuba izityebi namahlwempu enziwe kwayilendlela kuqhutywa ngayo abe kulemeko. Ngamanye amaxesha xa ukhalazela into ethile usoloko usiva abo bacinezele oonogada besithi” ayindim othi sanukuya esikolweni”. Eyona nto ndiyicingayo ngamandla yeyokuba kufuneka sithethe ngobomi nangemfundo ngoba umntu akangomntu ngenxa yemfundo.

Efundile engafundanga umntu uyohlala engumntu. Xana sixelelwa ukuba sivotele kwa ababantu banye abasibuzi ukuba sifunde kangakanani na phambi kokuba sifake ivoti zethu. Ngemini yonyulo kuyakhawulezwa ukubona ukuba siyalingana. Ngosuku olulandelayo yonke into ibuyela esiqhelweni siphinde sibonwe thina bahluphekileyo singezozinto.

Ukuba awunabo ubudlelane nabaphezulu kwipolitiki, udinga imfundo ukuze ufumane umsebenzi. Ukuba sidinga imfundo ukuze sisebenze kakuhle, kutheni ke kungekho mfundo engahlawulelwayo khona ukuze wonke umntu axhamle. Kutheni urhulumente enganagalelo eluntwini? Khawufane ucinge ukuba bangaphi abantu ebengefunde isakhono okanye ibhizinisi ngexabiso lokwakhiwa kwebala lebhola ngalinye. Andikwazi kuqonda ukuba kutheni abantu beyekiwe bengafundanga xana imfundo ibaluleke kangaka.

Eyona ndlela enokusenza sikwazi ukwenza utshintsho kwinkampani kukwakha inyunane ziqine. Kodwa nezinye inyunane ezilungileyo ziyinxalenye yalendlela. Inyunane zidinga ukutshitsha. Inyunane kufuneka ziqiniseke ukuba abantu ekufuneka basebenze ngengxaki zabantu kufuneka ibe ngabo bazinikeleyo ekuncedeni abantu. Kufuneka babe ngamakhoboka abantu, nabantu abenze utshintsho, abo benza utshintsho lokwenyani, nabo bathetha utshintsho kumabonakude.Kufuneka babengabantu abathatha ingxaki zabantu njengezabo

Uninzi lwenyunane zikwimeko embi. Andifuni kuthetha kakhulu kodwa baba ziikati ezityebileyo ngokuthatha imali zethu kovimba bethu mahala. Inyunane zisuke zaba lolunye uhlobo lwebhizinisi. Zisuke zasebenza kunye nabaphetheyo, azabalwela abasebenzi. Ukuba sizama ukulwela amalungelo ethu sisuke sigxothwe kungekho nto kodwa uninzi lwenyunane aziwenzi umsebenzi wazo. Ezinye zezinyunane zisuke zoyike njengabaphetheyo xa zibona ukuba abasebenzi bazama ukumanyana kwindawo abasebenza kuzo. Ngamanye amaxesha uye ubone ukuba ujoyine inyunane wenza izinto zibelula kwiinkampani bazokwazi ukukugxotha. Imbi kakhulu into yokuba abantu bagxothwe ngenxa yenyunane emva koko inkampani iphawule ukuba ibe sisiphoso ukukugxotha bakucele ubuyele emsebenzini.

Kubo bonke oonogada masibebanye sakhe umbutho wonogada ngonogada. Lo mbutho inga ungenziwa kodwa ungabi ngumsebenzi osisigxina kuzo zonke iiofisi. Apho singaxoxa zonke ingxaki esijongene nazo, ezongxoxo zigaqala kuthi, izigqibo esizakuzenza zizakube zenziwe sithi, sizenzela thina. Kulemibutho singasa iingxaki kwinyunane ukusuka apho sizise kwa CCMA kodwa lo mbutho uzakusoloko ulapho lonke ixesha. Asisoze sinikele iingxaki zethu kwinyunane. Sizakwenza imanyano ngaphandle kwenyunane ukuze sikwazi ukuzilawula inyunane ezantsi. Inkokheli zenyunane ezinobuqhophololo zizakuphela, bonke abasebenzi bazakuhlonitshwa ngabaqeshi nabathengi.

Enkosi ku Jama, Stadu, Zizi

Mna lindela ‘Mashumi’ Figlan ndandisakuba ngusihlalo weKennedy Road Development Committee ndasebenza njengo sekela prezidanti wabahlali baseMjondolo. Uye wabalixhoba lokoyikiswa ngokufa esidlangalaleni oko kwaqala uhlaselo kubahlali baseMjondolo eKennedy road ngo Septemba 2009. Ngoku uhlala kwimikhukhu yaseCato Crest ukusebenza njengonogada Claremont.